Uhezekile 45:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Xa nisaba umhlaba olilifa niya kunikela *kuNdikhoyo isabelo somhlaba oyindawo yakhe eyodwa ube ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezilishumi ububanzi; wonke ke lo mhlaba uya kuba ngumhlaba ongcwele.

2. Kuwo ke kuya kusikwa umhlaba omacala alinganayo. Icala ngalinye loba ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha, ubekelwe isibingelelo sikaThixo. Uya kujikelezwa ngumhlaba ophangaleleyo ongamashumi amabini anantlanu eemitha.

3. Kulo mhlaba uwodwa maze kusikwe isiqwenga esibude bulishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha, nobubanzi obuziikhilomitha ezintlanu. Phakathi kuwo kuya kubakho isibingelelo sikaThixo esiyeyona ndawo ingcwele.

4. Siya kuba ngumhlaba owodwa osikelwe ababingeleli abakhonzayo endlwini kaThixo nabasondelayo ukuza kubingelela phambi kukaNdikhoyo. Ziya kwakhiwa apho izindlu zabo, ibe lapho nendawo eyodwa yokumisa isibingelelo.

5. Umhlaba obude bulishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha, nobubanzi obuziikhilomitha ezintlanu, uya kuba sisahlulo sabaLevi abangabaququzeleli bendlu kaThixo, ube yindawo yabo yokwakha imizi yabo.

6. “Kobakho isixeko esiya kwahlulelwa umhlaba obubanzi bulishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha ubude neekhilomitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi oyamene nalowo mhlaba uwodwa. Uya kuba sisahlulo sendlu kaSirayeli iphela.

Uhezekile 45