1. “Xa nisaba umhlaba olilifa niya kunikela *kuNdikhoyo isabelo somhlaba oyindawo yakhe eyodwa ube ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezilishumi ububanzi; wonke ke lo mhlaba uya kuba ngumhlaba ongcwele.
2. Kuwo ke kuya kusikwa umhlaba omacala alinganayo. Icala ngalinye loba ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha, ubekelwe isibingelelo sikaThixo. Uya kujikelezwa ngumhlaba ophangaleleyo ongamashumi amabini anantlanu eemitha.
3. Kulo mhlaba uwodwa maze kusikwe isiqwenga esibude bulishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha, nobubanzi obuziikhilomitha ezintlanu. Phakathi kuwo kuya kubakho isibingelelo sikaThixo esiyeyona ndawo ingcwele.