Uhezekile 43:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Le ndoda yandisa kwisango elijonge empumalanga,

2. ndaza ndabubona ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli buvela ngasempumalanga. Ilizwi lakhe langa ngumgqumo womsinga wamanzi, waza umhlaba wakhanya bubuqaqawuli bakhe.

3. Umbono endawubonayo nqwa nalowo ndawubonayo mhlenikwezeni wayeze kutshabalalisa isixeko, kwanaloo mibono ndayibonayo phezu komlambo iKebhare, ndaza ke mna ndalala tywaa ndifihla ubuso.

Uhezekile 43