32. Yaza yandisa empumalanga yentendelezo yangaphakathi, yenza umlinganiso wesango; wawulingana nowamanye.
33. Amagumbi aseludongeni neendonga eziphongomileyo nevaranda yayo zazimlinganiso mnye nowamanye. Isango nevaranda zazineembobo zijikelezile macala onke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.
34. Ivaranda yalo yayijonge kwintendelezo yokuqala, amacala ayo ehonjiswe ngamasundu, esibhozo amanqwanqwa okungena kuyo.
35. Yandisa kwisango elingentla, yaza yenza umlinganiso walo. Ifumene lilingana namanye,
36. ngokunjalo namagunjana aseludongeni neendonga eziphongomileyo kwanevaranda eyayineembobo yonke. Ubude balo babuziimitha ezingamashumi amabini anantlanu, ububanzi buziimitha ezilishumi elinambini nesiqingatha.
37. Ivaranda yalo yayijonge kwintendelezo engaphandle. Amacala ayo omabini ayehonjiswe ngesundu, amanqwanqwa aya kuyo esibhozo.