Uhezekile 40:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngonyaka wamashumi amabini anesihlanu wokuthinjwa kwethu, kanye ekuqalekeni konyaka, ngomhla weshumi enyangeni, kunyaka weshumi elinane emva kokoyiswa kweJerusalem, ngaloo mini kanye ndasiva isandla *sikaNdikhoyo, wandithatha wandisa eJerusalem.

2. Wandithatha ngemibono evela kuThixo, wandisa kwilizwe lakwaSirayeli, waza wandibeka phezu kwentaba ephakamileyo eyayinezakhiwo ezazingathi sisixeko kwicala langezantsi.

3. Wandisa apho, ndaza ndabona umfo owayekhangeleka ngathi sisinyithi. Wayemi esangweni, ephethe intsontelo yelinen noluthi lokulinganisa.

4. Wathi kum: “Mntundini, uze ujonge ngamehlo akho, uphulaphule ngeendlebe zakho, uyithathele ingqalelo yonke into endiza kukubonisa yona, kuba ulapha nje uziselwe loo nto. Uze umzi wakwaSirayeli uwuxelele konke okubonileyo.”

5. Ndabona udonga olujikeleze yonke inkundla yendlu kaThixo. Ubude boluthi lokulinganisa olwaluphethwe yiloo ndoda babuziimitha ezintathu. Yalinganisa udonga, yaza yafumana luziimitha ezintathu ububanzi ngokunjalo nomphakamo.

6. Iye kwisango elijonge empumalanga. Ihambe ngezinyuko zesango, yalinganisa umgubasi walo, yaza yafumana uziimitha ezintathu ukungena.

Uhezekile 40