1. Ngonyaka wamashumi amabini anesihlanu wokuthinjwa kwethu, kanye ekuqalekeni konyaka, ngomhla weshumi enyangeni, kunyaka weshumi elinane emva kokoyiswa kweJerusalem, ngaloo mini kanye ndasiva isandla *sikaNdikhoyo, wandithatha wandisa eJerusalem.
2. Wandithatha ngemibono evela kuThixo, wandisa kwilizwe lakwaSirayeli, waza wandibeka phezu kwentaba ephakamileyo eyayinezakhiwo ezazingathi sisixeko kwicala langezantsi.
3. Wandisa apho, ndaza ndabona umfo owayekhangeleka ngathi sisinyithi. Wayemi esangweni, ephethe intsontelo yelinen noluthi lokulinganisa.