Uhezekile 39:17-23 Ibhayibhile (XHO96)

17. “Mntundini, itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Biza zonke iintlobo zeentaka nazo zonke izilo zasendle, uthi: ‘Yizani niqokelelane kweli dini ndinilungiselela lona, inyhikityha yedini phezu kweentaba zakwaSirayeli. Apho niza kutya inyama nisele negazi.

18. Niya kutya inyama yeengangamsha, nisele negazi leenkosi zalo mhlaba ngokungathi ziinkunzi zeegusha namatakane, iibhokhwe neenkunzi zeenkomo, zonke zityetyiswe eBhashan.

19. Kwidini endinilungiselela lona niya kutya amanqatha nide niwatyekeze, nisele igazi nide ninxile lilo.

20. Kwisithebe sam niya kutya amahashe nabakhweli bawo, iingangamsha nazo zonke iindidi zamadoda omkhosi,’ itsho iNkosi uNdikhoyo.

21. “Udumo lwam ndiya kulubonisa ezizweni, ukuze zonke izizwe zisazi isohlwayo nobugadalala besandla sam.

22. Ukususela kuloo mini isizwe sakwaSirayeli siya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo uThixo waso.

23. Izizwe ziya kwazi ukuba abantu bakwaSirayeli bathinjwa ngenxa yesono sabo, kuba babenganyanisekanga kum. Ke mna ndazifihla kubo, ndaza ndabanikezela ezintshabeni zabo, bonke babulawa ngekrele.

Uhezekile 39