7. “Lunga, uhlale uchophile; nelo bandla ulihlanganisileyo uhlale uligqalile.
8. Emva kweentsuku ezininzi uya kufunzwa umkhosi wakho. Kwiminyaka ezayo uya kuhlasela ilizwe elinoxolo, elibantu balo bahlanganiswe kwintlaninge yezizwe baza kutsho kwiintaba zakwaSirayeli ebekusoloko kusenkangala kuzo. Bakhutshwe ezizweni, ke ngoku bahleli bengalindele ngozi.
9. Wena nomkhosi wakho uphela nentlaninge yezizwe niya kunyuka nivuthuza okwesiphango; niya kufana nelifu eligubungele umhlaba.
10. “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngaloo mini uya kuceba iqhinga elingendawo.
11. Uya kuthi: ‘Ndiza kuhlasela ilizwe elidolophu zingenandonga zikhuselayo; ndiza kuhlasela abantu boxolo bengalindele ngozi – bonke behlala apho kungekho zindonga zikhuselayo nazingcango namivalo.