20. Babonise iintonga obhale kuzo,
21. uze uthi kubo: ‘Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuwaphuthuma amaSirayeli kwizizwe abalekele kuzo. Ndiya kuwaqokelela kuzo zonke iindawo, ndiwabuyisele ezweni lawo.
22. Abantu bakwaSirayeli ndiya kubenza isizwe esinye elizweni, phezu kweentaba zikaSirayeli. Baya kulawulwa ngukumkani omnye, bengasokuze babuye babe zizizwe ezibini, okanye bahlulwa-hlulwe babe ziikumkani ezimbini.
23. Abayi kuphinda bazingcolise *ngezithixo zabo ezingamasikizi okanye nangezinye izikreqo zabo, kuba ndiya kubahlangula bangabi sabuyela esonweni, ndibahlambulule. Baya kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo.
24. “ ‘Isicaka sam uDavide siya kuba yikumkani yabo; xa bebonke baya kuba nomalusi omnye. Baya kuhamba ngokwemithetho yam, bayinyamekele imimiselo yam bayenze.