18. Ndayikhuphela kuwo ke ingqumbo yam, kuba ayeliphalazile igazi elizweni, alixabhela ngezithixo.
19. Ndawasarhaza ezizweni aziimbacu emazweni, ndabohlwaya ngokwesimo nezenzo zawo.
20. Naphi na apho ahamba khona ezizweni alinyelisa igama lam elingcwele, kuba kwakusithiwa: ‘Aba ngabantu bakaNdikhoyo, kodwa kwanyanzeleka balishiye ilizwe lakhe.’
21. Ndakhathazeka ngenxa yegama lam elingcwele elalinyeliswa yindlu kaSirayeli ezizweni ayebhacele kuzo.
22. “Ngoko ke, yithi kwindlu kaSirayeli: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Into endiyenzayo andiyenzi ngenxa yenu, maSirayeli, kodwa kungenxa yegama lam elingcwele enilenze ladelwa ezizweni enihamba kuzo.
23. Ndiza kwenza bubonwe ubungcwele begama lam elilodwa eniligqwalisileyo ezizweni. Izizwe ke ziya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, itsho iNgangalala uNdikhoyo, xa zindibona ndingoyedwa ngento endinenzela yona.
24. “Ndiya kunilanda ezizweni, ndinibuthe kuwo onke amazwe, ndinibuyisele kwelakowenu.
25. Ndiya kunitshiza ngamanzi acocekileyo ukuze nicoceke; ndiya kukukhupha ukungcola kuni, ndinenze nahlukane nezithixo.
26. Ndiya kuninika intliziyo entsha, ndiniphe nomoya omtsha; ndiya kuyikhupha kuni intliziyo eqaqadeke okwelitye, ndininike intliziyo yentobeko.
27. Ndiya kufaka uMoya wam kuni, nitsho nilulamele imimiselo yam, niyigcine ngononelelo imithetho yam.
28. Niya kuhlala elizweni endandilabele ookhokho benu; niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.
29. Ndiya kunihlangula ekungcoleni kwenu, ndigunyazise isivuno esikhulu sengqolowa, nize nahlukane nendlala.
30. Ndiya kuyenza iqhame imithi, sichume nesivuno emasimini, ukuze ningabuye nihlazeke ezintlangeni ngenxa yendlala.
31. Niya kuzikhumbula ke iindlela zenu ezigwenxa, nezenzo zenu ezikhohlakeleyo, nize nizisole ngezono nangezenzo zenu ezilizothe.
32. Qondani ukuba oku andikwenzi ngenxa yenu, itsho iNkosi uNdikhoyo. Yibani neentloni, nizive nihlazekile ngenxa yesimo senu, ndlu kaSirayeli.
33. “Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Mhla ndanihlambulula ezonweni zenu ndiya kubabuyisela abantu ezixekweni, avuswe amabhodlo.
34. Umhlaba oyinkangala uya kulinywa, uze ungalali ube yinkangala kubantu abacanda kuwo.
35. Baya kuthetha bathi: ‘Lo mhlaba ubufudula uyinkangala, ngoku unjengomyezo waseIdeni; izixeko ebekufudula kusenxuweni zidilikile, ngoku zinqatyisiwe zimiwe.’
36. Ngoko ke amasalela eentlanga ezimelene nani aya kuqonda ukuba mna Ndikhoyo ndiyivusile into ebidiliziwe, ndatyala apho bekusenkangala. Ndithethile mna Ndikhoyo, ndiya kuyenza loo nto.