Uhezekile 36:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Mntundini, shumayela ubhekise kwiintaba zakwaSirayeli, uthi: Zintaba zakwaSirayeli, yivani ilizwi *likaNdikhoyo.

2. Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Iintshaba zathi ngani: ‘Yehaa, iintaba zamandulo zezethu ngoku!’

3. Ke ngoko shumayela uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Kuba benidlakaze banizingela ndaweni zonke, naza ke ngoko naba phantsi kwamasalela eentlanga, nayinto yokungcikivwa nondaba-mlonyeni,

4. ngoko, zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi leNkosi uNdikhoyo: Itsho iNkosi uNdikhoyo kwiintaba neenduli, kwiingxingwa neentlambo, kumabhodlo asebugxwayibeni nezixeko ezingamanxuwa ngenxa yokutyhuthulwa nokuba yintlekisa yamasalela eentlanga ezingabamelwane –

5. itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngenxa yekhwele suka ndawakhalimela amasalela ezinye iintlanga kwane-Edom, kuba bathe bechulumanca, iintliziyo zabo zizele mome yinkohlakalo, bawuthatha umhlaba wam, bawenza owabo, ukuze bawathimbe amadlelo.

6. Ngoko ke shumayela ubhekise kwilizwe lakwaSirayeli, kwiintaba neenduli neengxingwa neentili, uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndithethe ngekhwele ndisemsindweni, kuba ziningcikivile iintlanga.

7. Itsho ke ngoko iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndimisa isibhozo ndisithi iintlanga ezimelene nani nazo ziya kungcikivwa.

Uhezekile 36