9. Ndiya kukwenza ube yinkangala ngonaphakade; izixeko zakho zilil' ibhungane. Uya kuqonda ke ukuba mna ndinguNdikhoyo.
10. “Kaloku uthe: ‘Zozibini ezi zizwe, nawo omabini la mazwe, siza kuwathatha abe ngawethu.’ Loo nto uyithethe nakuba mna Ndikhoyo ndandikho.
11. Ngako oko, ndikho nje ndiyafunga, mna Nkosi Ndikhoyo, ndiza kukohlwaya ngokomsindo nobukhwele bakho, kuba wakhuphela intiyo yakho kumaSirayeli. Xa kunjalo aya kuqonda ukuba ndingakuwo.
12. Uya kuqonda ke ukuba mna Ndikhoyo ndizivile zonke izinyeliso zakho kwiintaba zakwaSirayeli. Uthe wena: ‘Zibhujisiwe zaza zanikelwa kuthi ukuba siziqwenge.’
13. Wandiqhayisela wathetha wadlulisa, mna ke ndakuva.