11. Ngako oko, ndikho nje ndiyafunga, mna Nkosi Ndikhoyo, ndiza kukohlwaya ngokomsindo nobukhwele bakho, kuba wakhuphela intiyo yakho kumaSirayeli. Xa kunjalo aya kuqonda ukuba ndingakuwo.
12. Uya kuqonda ke ukuba mna Ndikhoyo ndizivile zonke izinyeliso zakho kwiintaba zakwaSirayeli. Uthe wena: ‘Zibhujisiwe zaza zanikelwa kuthi ukuba siziqwenge.’
13. Wandiqhayisela wathetha wadlulisa, mna ke ndakuva.
14. Itsho ke iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Xa umhlaba wonke uchulumanca, wena ndiya kukutshabalalisa.
15. Ngenxa yokuba wena wazala luvuyo mhla litshabalala ilifa lendlu kaSirayeli, nawe ndiza kukuvisa loo nto. Uza kutshabalala, ntaba yaseSeyire, wena ne-Edom iphela. Niya kutsho niqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”