Uhezekile 34:21-23 Ibhayibhile (XHO96)

21. Kaloku benityhala ngamacala nangamagxa nizingquzula iigusha ezibuthathaka ngeempondo zenu zada zakhwelela.

22. Ke ngoko ndiya kuwuhlangula umhlambi wam, ukuze ungabuye ube lixhoba. Ndiya kwahlula phakathi kwegusha nenye.

23. Ndiya kuzimisela umalusi omnye, isicaka sam uDavide, oya kuzalusa kakuhle.

Uhezekile 34