Uhezekile 33:22-27 Ibhayibhile (XHO96)

22. Kanti ngobusuku obuphambi kokufika kwaloo mfo, ndasiva isandla *sikaNdikhoyo, waza wavuleka umlomo wam kusasa singekabonani. Ewe, wavuleka umlomo wam, ndayeka ukuthula.

23. Ndaliva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

24. “Mntundini, bathi abantu abahlala kuloo mabhodlo akwaSirayeli: ‘UAbraham yayikukuphela kwakhe, kodwa ilizwe lalilelakhe lonke. Kanti thina sibaninzi, makube ilizwe silinikiwe ukuba libe lelethu lonke.’

25. “Ke ngoko baxelele uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Njengokuba nisitya inyama enegazi nje, nithembele *nakwizithixo zenu eziqingqiweyo, niphalaza negazi, ngaba eli lizwe lingalelenu njani?

26. Nithe qhiwu ikrele; izenzo zenu zinezothe; ngamnye kuni ukrexeza nomfazi wommelwane wakhe. Ngaba eli lizwe lingalelenu njani?

27. “Baxelele wenjenje: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndikho nje ndiyafunga, amasalela akulaa mabhodlo aza kutyakatywa ngekrele. Abangaphandle kwesixeko ndiya kubanikezela emarhamncweni abaqwenge, abangene kwinqaba nasemiqolombeni baya kubulawa ngubhubhani.

Uhezekile 33