Uhezekile 31:3-7 Ibhayibhile (XHO96)

3. Khangela iAsiriya eyaye ingumsedare eLebhanon,omasebe mahle ongamele ihlathi.Kaloku wawukhule wamde,uyivelele kanye loo ntshinyela yehlathi.

4. Waba mde kuba wawusela amanziemithombo ephuma emathunjini omhlaba,emilanjana inkcenkceza amanzi phezu kweengcambu zawo,ize isele neminye imithi yasendle.

5. Ngoko ke waba mde lee kuneminye imithi apho endle,aqhama amasetyana awo, axanda amasebe,ngenxa yamanzi amaninzi.

6. Zonke iintakazana zakha iindlwana zazo kumasetyana awo;zonke izilo zasendle zazala amathole azo phakathi kwamasebe awo;zonke izizwe ezinodumo zaphumla emthunzini wawo.

7. Wawongamele ngobuhle, uxandile ngamasebe,kuba iingcambu zawo zazisela amanzi ezantsi emathunjini omhlaba.

Uhezekile 31