Uhezekile 31:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngosuku lokuqala kwinyanga yesithathu yonyaka weshumi elinanye ndaliva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi kum:

2. “Mntundini, bhekisa kukumkani waseJiputa nezihlwele zakhe, uthi:“Ngubani na onokufaniswa nawe ngobungangamsha?

3. Khangela iAsiriya eyaye ingumsedare eLebhanon,omasebe mahle ongamele ihlathi.Kaloku wawukhule wamde,uyivelele kanye loo ntshinyela yehlathi.

4. Waba mde kuba wawusela amanziemithombo ephuma emathunjini omhlaba,emilanjana inkcenkceza amanzi phezu kweengcambu zawo,ize isele neminye imithi yasendle.

Uhezekile 31