14. Wasuka uMoya wandifunqula, wemka nam, ndemka ndijijitheka, ndikhathazekile, ndonganyelwe ngamandla kaNdikhoyo.
15. Ndafika apho babehlala khona abathinjwa eTelabhibhi, kufuphi nomlambo iKebhare. Ndaya ndahlala phantsi phakathi kwabo iintsuku ezisixhenxe, ndikhwankqisiwe.
16. Lafika kum ilizwi *likaNdikhoyo emva kweentsuku ezisixhenxe, lathi:
17. “Mntundini, ndikwenze umlindi wendlu kaSirayeli; ngako oko ndiphulaphule, uze uwalumkise egameni lam.
18. Xa ndisithi kumntu okhohlakeleyo: ‘Wena uza kufa,’ waza wena akwamlumkisa okanye akwamkhalimela ukuze ahlukane nobugwenxa khon' ukuze aphile, ngokwenene loo mntu ukhohlakeleyo uya kufa ngenxa yezono zakhe, kodwa ityala lokufa kwakhe ndolixhoma phezu kwakho.