Uhezekile 28:17-19 Ibhayibhile (XHO96)

17. Wasuka wangenwa likratshi ngenxa yobuhle;bade bonakala nobulumko bakho,ngenxa yokuziqhayisa ngobunzwakazi.Ndaza ke mna ndakubhuqa-bhuqa emhlabeni,ndakwenza intlekisa yeekumkani.

18. Uzixabhele izibingelelo zakho ngenkitha yezono zakhonokurhweba ngamaqhetseba.Ke mna ndakwenza wavutha,watsho waba luthuthu emhlabeni,kubukelwe ngababoneli.

19. Zonke izizwe ebezikwazi zikhwankqisiwe nguwe.Usuke wasisoyikiso;kaloku awusoze uphinde uvuke.”

Uhezekile 28