22. “Uthengiselene nabarhwebi baseShebha nabaseRama. Ukuze bafumane impahla yakho bathengise ngezona-zona zinongo, nawona-wona matye anqabileyo, nangegolide.
23. “Uthengiselene nabarhwebi baseHaran, Kane, Eden, Sheba, Ashure, nabaseKilmadi.
24. Phaya emarikeni nirhwebe ngezambatho ezihle, ilaphu elizuba, imbroda, izicangca ezimabala-bala ezimitya iphothiweyo yanamanquma.
25. “Izithuthi zempahla yakho yorhwebo ziinqanawe zaseTashishe.Uyasindeka ngumthwalo enzonzobileni yolwandle.
26. Abagwexi-nqanawe bakho bacanda iilwandle ngawe.Kambe umoya wasempumalanga wokuqhekeza phakathi elwandle.
27. Ubutyebi bakho,impahla orhweba ngayo,oomatiloshe neencutshe zolwandle,namagcisa okuvala iintanda,abarhwebi namajoni akho,nabo bonke abangaphakathi,baya kuzika enzonzobileni yolwandle mhla waqhekeka.
28. Ziya kunxunguphala izizwe ezima ngaselunxwemeni,zisothuswa sisijwili soomatiloshe bakho.
29. Bonke abagwexi baya kusaba enqanaweni;oomatiloshe namachule eenqanawe baya kuma bhuxe elunxwemeni.
30. Baya kukhala ngezwi elikhulu,besenza isijwili esikrakra ngenxa yakho.Intloko yabo baya kuyigalela uthuli,baziqika-qike eluthuthwini.
31. Ngenxa yakho baya kucheba iinwele zabo,banxibe irhonya.Baya kukulilela ngomoya owonakeleyo,bazile bekrakra.
32. Baya kwenza isijwili,bazile ngenxa yakho.Baya kwenza isililo ngawe, bathi:‘Ngubani na owakhe wathuliswa njengeTire emi elwandle?’