10. Amahashe akhe aya kuba maninzi kangangokuba aya kutsho likugubungele uthuli. Izingqi zamahashe emfazwe nengxolo yeenqwelo zokulwa iya kutsho zishukume iindonga zakho xa engena emasangweni akho ngokwamadoda engena esixekweni esindonga ziqhekekileyo.
11. Amanqina amahashe akhe aya kuzixobonga zonke izitalato; abantu bakho úya kubabulala ngekrele; zize ezo ntsika zomeleleyo ziwe bhuma emhlabeni.
12. Ubutyebi bakho buya kuba lixhoba labo, bayithimbe nempahla orhweba ngayo. Baya kuzidiliza iindonga zakho, namapoma ezindlu zakho zokuhlala, baze bawaphose elwandle amatye nemithi nenkunkuma.
13. Ndiza kuyiphelisa intsholo yeengoma kuwe, kwaye ayisokube iphinde iviwe intsholo yezikhalisi zakho.
14. Ndiya kukwenza ufane nolwalwa olungenakuhluma nto, uze ube yindawo yeminatha yabalobi beentlanzi. Akusokuze uphinde uvuswe, kuba kaloku kuthethe mna Ndikhoyo iNkosi.”
15. Ithi iNgangalala uNdikhoyo kwiTire: “Ngaba bebengangcangcazeli na sisandi sokuwa kwakho abemi phezu konxweme, naxa isitsho incwina yeengxwelerha xa ikrele lisidla kuwe?