12. Kaloku ayiva ukuhlala kwayo;intshela yayo ayisukinaxa seyifakwa umlilo.
13. “Ngoku izothe lakho bubufebe. Ngexesha endandizama ukuba ndikwenze ucoceke, akufunanga. Ke ngoko akuyi kucoceka de ingqumbo yam kuwe ithothe.
14. “Ndithethile mna Ndikhoyo. Lifikile ixesha lokuba ndenze. Andiyi kulibazisa. Andizi kuba nanceba, ndingayi kubuya mva. Uza kohlwaywa ngokwesimilo sakho nezenzo zakho. Nguwo lowo umlomo weNgangalala uNdikhoyo.”
15. Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
16. “Mntundini, ngesithonga nje esinye ndiza kukuhlutha lowo umthanda kunene. Maze ungakhali, okanye wenze isililo, okanye ube nyembezana.
17. Uze ungqukruleke nje, kodwa ungamzileli lowo ufileyo. Uze uwuthwale umnqwazi wakho, neembadada zakho ungazikhululi, ungazigqumi iindevu zakho, ungakutyi ukutya kwesiqhelo komntu ozilileyo.”