Uhezekile 24:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngomhla weshumi ngenyanga yeshumi yonyaka wesithoba ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2. “Mntundini, wubhale phantsi lo mhla, kanye lo, kuba ngawo uyirhangqile iJerusalem ukumkani waseBhabheli.

3. Benzele umzekeliso abendlu yabavukeli, uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:“Beka imbiza eziko;ugalele kuyo amanzi.

4. Sikelela inyama, uyigalele kuyo,iindawo ezikhethiweyo zona zomlenze nomkhono.Mayizale ngawona-wona mathambo,

5. eyona-yona mpahla isebuhlanti.Yibasele kakhulu imbiza yakho;de ibile,avuthwe namathambo akuyo.“Kuba itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi:

Uhezekile 24