Uhezekile 23:45-49 Ibhayibhile (XHO96)

45. Kodwa wona amadoda angamalungisa aya kubohlwaya ngesohlwayo sabafazi abakrexezayo nabaphalaza igazi, kuba bengabakrexezi abazandla zibomvu ligazi.”

46. Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: “Babizele imbizo barhwaqeliswe baphangwe.

47. Imbizo iya kubaxuluba ngamatye, ibatyakatye ngamakrele; iya kubulala oonyana neentombi zabo, itshise izindlu zabo.

48. “Ndiya kwenjenjalo ukuphelisa ubufebe kweli lizwe, khon' ukuze bonke abafazi balulekwe, bangahambi ekhondweni lenu.

49. Niza kohlwaywa ngobufebe benu nangezono zenu zokunqula *izithixo. Kwakuba njalo ke niya kwazi ukuba ndiyiNkosi uNdikhoyo.”

Uhezekile 23