14. Ngaba uya kuba naso na isibindi kwanamandla mhla sahlangana? Nditshilo nje mna Ndikhoyo nditshilo, ndiya kuyenza loo nto.
15. Ndiya kukusarhaza phakathi kweentlanga, utsho uphalale kwamanye amazwe; kunjalo nje ndiza kuwuphelisa umlaza onawo.
16. Zakukubona uxabhelekile ezinye izizwe uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”
17. Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi: