7. Uze uluxele udaba lwam kubo nokuba bayakuphulaphula okanye abaphulaphuli, kuba kaloku bangabavukeli.
8. Wena ke, mntundini, phulaphula endikuxelela kona. Ungandivukeli uxele esi sizwe sabavukeli; vula umlomo wakho, utye endikunika kona.”
9. Ndathi ndakujonga ndabona isandla solulelwe ngakum. Sasiphethe incwadi esongwayo,
10. saza ke sayicombulula phambi kwam. Macala omabini kwakubhalwe amazwi asisikhalo nesijwili nesingqala.