1. lisithi: “Mntundini, vuka ume ngeenyawo, ukuze ndithethe nawe.”
2. Uthe esathetha njalo ndangenwa nguMoya owasuka wandiphakamisa ndema ngeenyawo, ndaza ndamva ebhekisa kum,
3. esithi: “Mntundini, ndikuthuma kumaSirayeli, isizwe sabavukeli esindivukeleyo; wona nooyise andivukele kwada kwanamhlanje.
4. Aba bantu ndikuthuma kubo bayadelela, banenkani. Yithi kubo: ‘Itsho iNgangala *enguNdikhoyo: ...’
5. Ewe, uze utsho nokuba bayaphulaphula, okanye abaphulaphuli. Kaloku bayadelela. Kambe ke baya kuqonda ukuba kufike *umshumayeli phakathi kwabo.
6. Wena ke, mntundini, uze ungaboyiki, neentetho zabo ungazoyiki. Maze ungoyiki naxa uphakathi korhalajana nobobo. Naxa sewuhlala nabanjengoonomadudwane uze ungoyikiswa zizinto abazithethayo nazizigrogriso zabo, kuba basisizwe esinenkani.