Uhezekile 19:3-9 Ibhayibhile (XHO96)

3. Walondla lakhula elinye ithol' iduna,languxholovane wengonyama.Yafund' ukudlavuz' ixhoba,yawathi nqwam-nqwam amadoda.

4. Yaduma ezizweni,bayombela umgibe, yabanjiswa.Bayirhola ngamagwegwe,baya nayo eJiputa.

5. “ ‘Akuphela amathemba kunina,lakuba iqhayiya lakhe limkile,wathabatha elinye kumathole akhe,walenza uxholovane wengonyama.

6. Yanyalasa phakathi kweengonyama,kuba kaloku yayisisigantsontso sengonyama;yafunda ukudlavuza amaxhobanokuwathi nqwam-nqwam amadoda.

7. Yangena ezililini zawo,yenza iziqwenga ezixekweni.Yaduma larhwaqela lonke ilizwekwanabo bangabemi balo.

8. Zayivukela izizwe,nabantu bemimandla esondeleyo;bayithiyela ngezabatha,yabhajiswa emgibeni wabo.

9. Bayirhola ngamagwegwe, bayifaka ehokweni;beza nayo kukumkani waseBhabheli,yavalelwa entolongweni.Awabe uphinde uviwe umgqumo wayo kwiintaba zakwaSirayeli.

Uhezekile 19