1. “Yitsho ngesililo ngenxa yeenkosi zakwaSirayeli,
2. uthi:“ ‘Unyoko wayeyingonyama phakathi kweengonyama!Ubebuthuma phakathi kwamathole eengonyama,esanyisa amathole akhe.
3. Walondla lakhula elinye ithol' iduna,languxholovane wengonyama.Yafund' ukudlavuz' ixhoba,yawathi nqwam-nqwam amadoda.
4. Yaduma ezizweni,bayombela umgibe, yabanjiswa.Bayirhola ngamagwegwe,baya nayo eJiputa.
5. “ ‘Akuphela amathemba kunina,lakuba iqhayiya lakhe limkile,wathabatha elinye kumathole akhe,walenza uxholovane wengonyama.