Uhezekile 16:55-60 Ibhayibhile (XHO96)

55. Oodade wenu uSodom neentombi zakhe, noSamariya neentombi zakhe, baza kubuyela kwimbo yabo; nawe neentombi zakho uza kubuyela kwimbo yenu.

56. Xeshikweni useneqhayiya ubucekisa nokuthetha oku ngoSodom,

57. kuba kaloku ubugwenxa bakho babusafihlakele. Kodwa ngoku iintombi zase-Edom nabo bonke abamelwane bazo zikujongele phantsi, ngokunjalo iintombi zamaFilistiya nabo bonke abakungqongileyo.

58. Uthi uNdikhoyo: Úza kulithwala ityala lamanyala namanyundululu akho.

59. “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kukuphatha ngendlela ofanele ukuphathwa ngayo, kuba kaloku uzibizele isiqalekiso ngokuwutyeshela umnqophiso.

60. Kodwa ke noko ndiza kuwukhumbula umnqopiso endawenza nawe xa wawusemtsha, ndize ndenze umnqophiso nawe oya kuhlala uhleli.

Uhezekile 16