39. Emva koko ndiya kukunikezela kumakrexe akho; aya kuzidiliza ingqumba zakho zamatye, aziwise izibingelelo zakho. Aya kuyikhulula impahla yakho, azihluthe izihombo zakho zamatye anqabileyo amahle, akushiye uze ungenanto.
40. Aya kukubizela isihlwele sikuxulube ngamatye, sikutyakatye ngamakrele.
41. Siya kuzitshisa izindlu zakho, sikohlwaye, abanye abafazi bejongile. Ewe, ndiza kukwenza ukuyeke ukuhenyuza, uyeke nokuhlawula amakrexe.
42. Uya kuthotha ke umsindo wam kuwe, ngokunjalo buphele nobukhwele. Ndiya kuthi cwaka ndingabi sakhathazeka.
43. “Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kukwenza ulithwale ityala laloo nto uyenzileyo, kuba akuzikhumbulanga iimini zobutsha bakho, ngoko undenze ndaqumba ngenxa yoko ukwenzileyo. Akongezanga amanyala na phezu kwamanyundululu owenzileyo?