18. ngokwenene ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, nokuba la madoda mathathu ebenokuba lapho ebengayi kuba nako ukuzisindisa iintombi noonyana bawo. Bekuya kusinda wona odwa.
19. “Kungenjalo ngendithumela ubhubhani kwelo zwe, ndiwukhuphele kulo umsindo wam, ndibulale abantu nemfuyo yabo ngempalalo-gazi.
20. Ngokwenene ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, nokuba babelapho, ooNowa, noDaniyeli, noYobi, bebengenakuyisindisa nentsapho yabo. Bebeya kuzisindisa bona bodwa ngenxa yobulungisa babo.