15. “Okanye ndingathi ndithe ndathumela amarhamncwa asendle kweli lizwe, aze akashiya nempunde kulo, atsho layindawo engahanjwayo ngenxa yamarhamncwa,
16. ngokwenene ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, nokuba la madoda mathathu ebenokuba kwelo zwe ebengenakubasindisa oonyana neentombi zawo. Bekuya kusinda wona kuphela, libe lona ilizwe lisebugxwayibeni.
17. “Okanye ndingathi ndiliphethele ikrele ilizwe, ndithi: ‘Ikrele malityakatye kulo lonke ilizwe,’ lize libulale abantu nemfuyo yabo,
18. ngokwenene ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo, nokuba la madoda mathathu ebenokuba lapho ebengayi kuba nako ukuzisindisa iintombi noonyana bawo. Bekuya kusinda wona odwa.