8. Niyaloyika ikrele, ndaye ndiza kunivisa ikrele, itsho iNgangalala enguNdikhoyo.
9. Ndiya kunikhuphela ngaphandle kwesi sixeko, ndize ndininikezele kwabasemzini ukunohlwaya.
10. Niya kufa ngekrele emideni yakwaSirayeli. Ewe, ndiya kunigweba nitsho nindazi ukuba ndinguNdikhoyo.
11. Esi sixeko asiyi kuba yimbiza, nani aniyi kuba yinyama ephekwayo; ndiya kunigweba ndize ndinohlwaye kwalapha emideni yakwaSirayeli.
12. Niya kuqonda ke ngoko ukuba mna ndinguNdikhoyo. Kaloku niyityeshele imimiselo yam, naphambuka kwimithetho yam, naza nazibeka mgangathweni mnye nezizwe eziningqongileyo.”
13. Ndathi ndisashumayela njalo, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya. Ndawa ngobuso, ndakhala ndadanduluka ndathi: “Awu, Nkosi Ndikhoyo! Ngaba uza kuyitshabalalisa tu nentsalela kaSirayeli?”
14. Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
15. “Mntundini, abantakwenu – abantakwenu abaligazi lakho, nditsho bonke abendlu kaSirayeli abathinjiweyo – ngabo kanye ekuthethwa ngabo ngabemi baseJerusalem kusithiwa: ‘Nina nimele kude *kuNdikhoyo; lo mhlaba uwunikezele kuthi ukuba ube ngowethu.’ ”
16. “Ngako oko yithi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndawagxothela kude emazweni, ndawasarhaza ezintlangeni, ndaza okwelo xeshana ndasisibingelelo sabo.
17. “Ngoku ke yithi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuniqokelela ezintlangeni, ndinibuyise kuloo mazwe benithe saa kuwo, ndize ndiphinde ndininike umhlaba kaSirayeli.
18. Abathinjwa baya kubuyela kuwo, bayisuse phakathi kwabo yonke imifanekiso engamasikizi kwanezithixo ezinezothe.
19. Ndiya kubenza bandikhonze bengenakumbi, ndibanike umoya omtsha; ndiya kuyikhupha kubo intliziyo eqaqadeke okwelitye, ndibanike intliziyo yentobeko.
20. Baya kwenza ngokwemimiselo yam, bayithobele ngononelelo imithetho yam. Baya kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo.
21. Kodwa abo bantliziyo zinamathele kwimifanekiso engamasikizi nakwizithixo ezinezothe baya kuvuna loo nto bayihlwayeleyo, itsho iNkosi uNdikhoyo.”