Uhezekile 11:2-7 Ibhayibhile (XHO96)

2. Wathi uNdikhoyo kum: “Mntundini, la ngala madoda enza amayelenqe angendawo neengcebiso ezikhohlakeleyo kwesi sixeko.

3. Athi: ‘Eli asililo ixesha lokuba kwakhiwe izindlu. Esi sixeko siyimbiza; thina siyinyama ephekwayo.’

4. Ngako oko, mntundini, shumayela ubakhalimele. Ndithi shumayela!”

5. Wandongamela uMoya kaNdikhoyo, wathi: “Danduluka uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: Nakuba nina ndlu kaSirayeli nithetha oku, kodwa ndiyazazi iingcinga zenu.

6. Nibulele inkitha yabantu kwesi sixeko, zada zazala zizidumbu izitalato.

7. “Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Izidumbu zabantu ababulewe nini ziyinyama, isixeko sona siyimbiza, kodwa nina ndiza kunigxotha kwesi sixeko.

Uhezekile 11