Uhezekile 11:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Wasuka uMoya wandifunqula wandibeka esangweni lendlu *kaNdikhoyo elijonge empumalanga. Apho ekungeneni kwesango kwakukho amadoda angamashumi amabini anesihlanu, phakathi kwawo ndabona uYazaniya unyana ka-Azure, noPelatiya unyana kaBhenaya, iinkokheli zabantu.

2. Wathi uNdikhoyo kum: “Mntundini, la ngala madoda enza amayelenqe angendawo neengcebiso ezikhohlakeleyo kwesi sixeko.

3. Athi: ‘Eli asililo ixesha lokuba kwakhiwe izindlu. Esi sixeko siyimbiza; thina siyinyama ephekwayo.’

4. Ngako oko, mntundini, shumayela ubakhalimele. Ndithi shumayela!”

5. Wandongamela uMoya kaNdikhoyo, wathi: “Danduluka uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: Nakuba nina ndlu kaSirayeli nithetha oku, kodwa ndiyazazi iingcinga zenu.

6. Nibulele inkitha yabantu kwesi sixeko, zada zazala zizidumbu izitalato.

7. “Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Izidumbu zabantu ababulewe nini ziyinyama, isixeko sona siyimbiza, kodwa nina ndiza kunigxotha kwesi sixeko.

8. Niyaloyika ikrele, ndaye ndiza kunivisa ikrele, itsho iNgangalala enguNdikhoyo.

9. Ndiya kunikhuphela ngaphandle kwesi sixeko, ndize ndininikezele kwabasemzini ukunohlwaya.

10. Niya kufa ngekrele emideni yakwaSirayeli. Ewe, ndiya kunigweba nitsho nindazi ukuba ndinguNdikhoyo.

Uhezekile 11