11. Xa zihamba zisiya nakuliphi na icala kumacala omane ezijonge kuwo izithunywa ezimaphiko amavili ayengajikelezi, izithunywa ezimaphiko zisiya nakweliphi na icala ejonge kulo intloko zingajika-jiki.
12. Wonke umzimba wazo, umhlana, izandla, namaphiko, wawungamehlo nje, ngokunjalo namavili lawo.
13. Ndeva amavili la kusithiwa ngabajikelezi.
14. Isithunywa ngasinye sasinobuso obune: obokuqala yayibobesithunywa esimaphiko, obesibini ibobomntu, obesithathu ibobengonyama, obesine ibobokhozi.
15. Zenyuka ke izithunywa ezimaphiko. Yayizeziya zidalwa ziphilayo ndandizibone ngasemlanjeni iKebhare.
16. Bezisithi zakusuka izithunywa, namavili ahambe; zithi zakuwatwabulula amaphiko azo izithunywa, zilungiselela ukuphakama emhlabeni, amavili ebengasuki ecaleni lazo.
17. Bezithi zakuma izithunywa ezimaphiko, nawo amavili eme; zithi zakuphakama izithunywa ezimaphiko, nawo amavili aphakame, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo wawuwalawula namavili.
18. Ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bashenxa emgubasini wendlu kaThixo, bathi gubungu phezu kwezithunywa ezimaphiko.