20. Ilizwi *likaNdikhoyo laphinda lafika kuHagayi isihlandlo sesibini ngosuku lwamashumi amabini anesine lwaloo nyanga, lisithi:
21. “Thetha kuZerubhabheli irhuluneli yakwaJuda, uthi: ‘Ndiza kulinyikimisa izulu nehlabathi,
22. ndibakhiqe ookumkani kwizihlalo zabo, ndiwaphelise amagunya ezikumkani zeentlanga, ndizibhukuqe iinqwelo zokulwa nababhexeshi bazo, kuwe amahashe nabakhwele kuwo, elowo awe likrele lomtakwabo.