11. “Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Buza ababingeleli ukuba umthetho uthini na.
12. Ukuba umntu uphethe inyama ehlambulukileyo ngesondo lengubo yakhe, ngaba ke xa isondo laloo ngubo yakhe lirhece nokuba sisonka, ukutya okuphekiweyo, iwayini, amafutha omnquma, okanye nakuphi na ukutya, ngaba elo sondo likwenza kuhlambuluke oko kutya?’ ”Ababingeleli baphendula bathi: “Hayi!”
13. Ke uHagayi wathi: “Ukuba umntu *unomlaza kukuphatha isidumbu, ngaba xa echukumise ukutya nako kutsho kube nomlaza?”Ababingeleli baphendula bathi: “Ewe, kuba nomlaza.”
14. Ke uHagayi waphendula wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ekuboneni kwam bakwanjalo aba bantu kwakunye nolu hlanga. Ewe, unjalo wonke umsebenzi wezandla zabo, nento abanikela ngayo khona apho inomlaza.’ ”
15. “ ‘Ke ngoku kugqaleni okwakusenzeka kwimihla edlulileyo xa beningekaqalisi ukubeka ilitye phezu kwelitye nisakha indlu kaNdikhoyo.
16. Kaloku benisiya kwisitha sengqolowa nilindele isivuno esingamashumi amabini, nisuke nizuze ishumi elinye kuphela. Benisiya esixovululweni sewayini nilindele ukuzuza imilinganiselo emashumi mahlanu, kodwa nizuze amashumi amabini kuphela.