4. Ukuqaqamba kwakhe kunjengokukhanya;isandla sakhe siphanjwa yimitha;azimel' apho amandla akhe.
5. Yaba sisibetho phambi kwakhe;emkhondweni wakhe wee chu ubhubhani.
6. Uthi angema lishukum' ihlabathi,azijonge zitsho zinkwantye izizwe.Iintaba zamandulo ziyaqhaqhamba;iinduli zakudala zona ziyatshona.Ewe, le yindlela yakhe yasephakadeni.
7. Ndibona iintente zakwaKushan zisenkathazweni,izikhuselo zelizwe lakwaMidiyan zingcangcazela.
8. Ucatshukiswa yimilambo na, Ndikhoyo?Ngaba uqunjiswa ziintlambo na?Ngaba wenziwa umsindo lulwandle na,le nto uqhuba amahashe akho nje,ukhwele kwiinqwelo zakho zoloyiso?
9. Wena utyhila isaphetha sakho,uziqinise ngeziqalekiso iintolo zakho,ihlabathi uliphambe ngemilambo.
10. Iintaba zithi zingakubona zibhinyalaze,imisinga yamanzi iqukuqele.Ke zona iinzonzobila ziyagquma;amaza ayalatyuza okwezandla eziphakanyisiweyo.
11. Zithi zakumenyez' iintolo zakho ezikhawulezayo,wakuba umkhonto wakho umenye-menyeza,suka lingabonakali ilanga nenyanga esibhakabhakeni.
12. Ihlabathi ulicanda unengqumbo,nezizwe uzinyhasha unomsindo.
13. Uphuma uye kubahlangula abantu bakho,ukuze usindise umthanjiswa wakho.Uyaludiliza uphahla lomzi wabakhohlakeleyo,kutyhileke iindonga kuye kutsho kwilitye lesiseko.
14. Uyigwaza ngomkhonto wayo inkokheli,bakuba abomkhosi wayo bephume okoqhwithela beze kusisarhaza,bezidla ngathi bobaqwenga ngasese abahlelelekileyo.