Uhabhakuki 3:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nanku umthandazo *womshumayeli uHabhakuki; uvunywa okwesililo.

2. *Ndikhoyo, ndiluvile udaba olungawe;ewe, ndithe khamnqa zizenzo zakho.Nakule mihla yethu khawuhlaziye loo misebenzi yakho yamandulo;ewe, ukusebenza kwakhomakubonakale nakule yethu iminyaka.Nokuba unomsindo, mus' ukuyilibala inceba yakho.

3. UThixo uyeza ephuma eTeman;uYedwa uvela kwintaba iParan.Ubuqaqawuli bakhe bambathisa amazulu;ihlabathi lizele ludumo lwakhe.

4. Ukuqaqamba kwakhe kunjengokukhanya;isandla sakhe siphanjwa yimitha;azimel' apho amandla akhe.

5. Yaba sisibetho phambi kwakhe;emkhondweni wakhe wee chu ubhubhani.

6. Uthi angema lishukum' ihlabathi,azijonge zitsho zinkwantye izizwe.Iintaba zamandulo ziyaqhaqhamba;iinduli zakudala zona ziyatshona.Ewe, le yindlela yakhe yasephakadeni.

Uhabhakuki 3