1. Nanku umthandazo *womshumayeli uHabhakuki; uvunywa okwesililo.
2. *Ndikhoyo, ndiluvile udaba olungawe;ewe, ndithe khamnqa zizenzo zakho.Nakule mihla yethu khawuhlaziye loo misebenzi yakho yamandulo;ewe, ukusebenza kwakhomakubonakale nakule yethu iminyaka.Nokuba unomsindo, mus' ukuyilibala inceba yakho.
3. UThixo uyeza ephuma eTeman;uYedwa uvela kwintaba iParan.Ubuqaqawuli bakhe bambathisa amazulu;ihlabathi lizele ludumo lwakhe.
4. Ukuqaqamba kwakhe kunjengokukhanya;isandla sakhe siphanjwa yimitha;azimel' apho amandla akhe.
5. Yaba sisibetho phambi kwakhe;emkhondweni wakhe wee chu ubhubhani.
6. Uthi angema lishukum' ihlabathi,azijonge zitsho zinkwantye izizwe.Iintaba zamandulo ziyaqhaqhamba;iinduli zakudala zona ziyatshona.Ewe, le yindlela yakhe yasephakadeni.
7. Ndibona iintente zakwaKushan zisenkathazweni,izikhuselo zelizwe lakwaMidiyan zingcangcazela.
8. Ucatshukiswa yimilambo na, Ndikhoyo?Ngaba uqunjiswa ziintlambo na?Ngaba wenziwa umsindo lulwandle na,le nto uqhuba amahashe akho nje,ukhwele kwiinqwelo zakho zoloyiso?
9. Wena utyhila isaphetha sakho,uziqinise ngeziqalekiso iintolo zakho,ihlabathi uliphambe ngemilambo.
10. Iintaba zithi zingakubona zibhinyalaze,imisinga yamanzi iqukuqele.Ke zona iinzonzobila ziyagquma;amaza ayalatyuza okwezandla eziphakanyisiweyo.