9. Nangona singamakhoboka, wena Thixo wethu akusilahlanga ekuthinjweni. Izikumkani zasePeshiya uzenze zanobubele kuthi. Usithe jize ngebuya-mbo lokuba sivuse indlu kaThixo wethu, siwavuse namabhodlo, waza ke wasikhusela thina bakwaJuda naseJerusalem.
10. “Ngoku ke, Thixo wethu, sothini kodwa xa kunje? Kaloku sisuke sayidela imiyalelo
11. owasinika ngezicaka zakho *abashumayeli usithi: ‘Lo mhlaba ningena nisiya kuma kuwo udyobhekile kukonakala kwabantu bawo. Ngemikhuba yabo emasikizi bawutsho waphuphuma kukungcola.