4. Bonke ke abantu abalihlonelayo ilizwi likaThixo kaSirayeli baqokelelana ngakum ngenxa yoku kunganyaniseki kwabathinjwa. Ndahlala apho ndimangalisekile kwada kwalithuba lamadini asemalanga.
5. Ngelo thuba lamadini amatshona ndaphakama kuloo ndawo yokuzithoba kwam, nezo mpahla zam zidlaka-dlaka zinjalo, ndaza ndaguqa ngamadolo, izandla ndaziphakamisela *kuNdikhoyo uThixo wam,
6. ndathandaza ndathi: “Yhoo, Thixo wam! Ndidanile, ndineentloni, ndingenako nokubuphakamisela kuwe ubuso bam, Thixo wam. Kaloku izono zethu zisuke zayinkabankaba esiveleleyo; ubutyala bethu sebufikelele emazulwini.
7. Ukususela kwimihla yoobawo-mkhulu kude kube kalokunje sinetyala elikhulu. Ngenxa yobugwenxa bethu thina nookumkani bethu nababingeleli bethu sesaba sisisulu sekrele, ukuthinjwa, ukuhluthwa izinto zethu, nokuhlazeka ezandleni zookumkani beentlanga, njengoko kusenjalo nanamhla.