Uezra 9:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku emva kwezi zinto iinkokheli zeza kum, zathi: “AmaSirayeli la ndawonye nababingeleli nabaLevi abazahluli kwizizwe ezingabamelwana ngokubhekiselele kunqulo lwazo olungamasikizi olufana nolwamaKanana, amaHiti, amaPerezi, amaJebhusi, ama-Amon, amaMowabhi, amaJiputa, nama-Amori.

2. Basuke bathatha iintombi zazo zangabafazi babo noonyana babo. Olu hlanga lulodwa baluxube nezi ntlanga zibangqongileyo. Ewe, ziinkokheli namagosa kanye ezi zihamba phambili koku kunganyaniseki.”

3. Ndakuyiva le nto, ndasuka ndazikrazula iimpahla endandizinxibile, ezangaphantsi nezingaphezulu, ndazixhwitha iinwele neendevu zam, ndaza ndahlala phantsi ndimatshekile.

4. Bonke ke abantu abalihlonelayo ilizwi likaThixo kaSirayeli baqokelelana ngakum ngenxa yoku kunganyaniseki kwabathinjwa. Ndahlala apho ndimangalisekile kwada kwalithuba lamadini asemalanga.

5. Ngelo thuba lamadini amatshona ndaphakama kuloo ndawo yokuzithoba kwam, nezo mpahla zam zidlaka-dlaka zinjalo, ndaza ndaguqa ngamadolo, izandla ndaziphakamisela *kuNdikhoyo uThixo wam,

Uezra 9