Uezra 9:1-2 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku emva kwezi zinto iinkokheli zeza kum, zathi: “AmaSirayeli la ndawonye nababingeleli nabaLevi abazahluli kwizizwe ezingabamelwana ngokubhekiselele kunqulo lwazo olungamasikizi olufana nolwamaKanana, amaHiti, amaPerezi, amaJebhusi, ama-Amon, amaMowabhi, amaJiputa, nama-Amori.

2. Basuke bathatha iintombi zazo zangabafazi babo noonyana babo. Olu hlanga lulodwa baluxube nezi ntlanga zibangqongileyo. Ewe, ziinkokheli namagosa kanye ezi zihamba phambili koku kunganyaniseki.”

Uezra 9