Uezra 6:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke ukumkani wayalela ukuba kwenziwe uphando kumaxwebhu eembali awayegcinwe koovimba baseBhabheli.

2. Ke kaloku kwafumaneka umqulu komkhulu eAmeta kwiphondo lamaMedi. Kuwo ke kwakubhalwe kwathiwa:“Isikhumbuzo:

3. “Kunyaka wokuqala kakumkani uKoreshi, ukumkani wawisa umyalelo mayela nendlu kaThixo eJerusalem, esithi:“ ‘Indlu kaThixo mayivuswe, ukuze kuyo kunikelwe amadini. Iziseko zayo mazakhiwe. Mayibe ziimitha ezimashumi mabini anesixhenxe ukuphakama, neemitha ezimashumi mabini anesixhenxe ububanzi.

Uezra 6