Uezra 3:3-7 Ibhayibhile (XHO96)

3. Nakuba babebaxhalele abantu ababemelene nabo, balakha iqonga esizeni salo, baza benzela *uNdikhoyo amadini atshiswayo apho kulo, ndawonye namadini akusasa nawamatshona.

4. Kananjalo njengoko kubhaliwe, babhiyozela iTheko lamaPhempe, imini nganye ngokwamadini atshiswayo amiselweyo.

5. Emva koko banikela amadini atshiswayo amiselweyo: amadini okuthwasa kwenyanga, namadini amatheko kaNdikhoyo amiselweyo, kunye neminikelo yokuqhutywa yintliziyo kuNdikhoyo.

6. Ngomhla wokuqala wenyanga yesixhenxe baqalisa ukwenzela uNdikhoyo amadini atshiswayo.Sasingekabekwa isiseko sendlu *kaNdikhoyo.

7. Ke bakhupha imali, bayinika abaqingqi bamatye nabachweli. Bakhupha nokutya, into eselwayo, namafutha omnquma, banika abantu baseSidon nabaseTire, ukuze babathwalele izibonda zomsedare eLebhanon, bazifake elwandle, ziye eJopa, ngokomyalelo kakumkani uKoreshi wasePeshiya.

Uezra 3