Uezra 3:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku yathi ifika inyanga yesixhenxe, aye amaSirayeli selezinzile kwiidolophu zawo. Ke bonke abantu baqokelelana eJerusalem.

2. UYeshuwa unyana kaJozadaki nabantakwabo ababingeleli kunye noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli noogxa bakhe baqalisa ukwakha iqonga likaThixo kaSirayeli lokwenza amadini atshiswayo, ngokwamazwi abhalwe kumthetho kaMosis umfo wakwaThixo.

3. Nakuba babebaxhalele abantu ababemelene nabo, balakha iqonga esizeni salo, baza benzela *uNdikhoyo amadini atshiswayo apho kulo, ndawonye namadini akusasa nawamatshona.

Uezra 3