4. Ngeli thuba uModekayi waba yimbalasane apho komkhulu, udumo lwakhe lwasuka lwathi ndii kuwo onke amaphondo, waya ethath' unyawo ngobuhandiba.
5. Ke amaJuda ngekrele azigeqa kwajub' ugodo kwiintshaba zawo, azitshabalalisa ezenzela unothanda kwabo bawathiyileyo.
6. Kanti ke komkhulu eSusa amaJuda abulala atshabalalisa amakhulu amahlanu amadoda.
7. Abulala noPashandata, uDalefon, uAspata,
8. uPorata, uAdaliya, uAridata,
9. uPamashta, uArisayi, uAridayi, noVayezata,
10. ishumi loonyana bakaHaman unyana kaHamedata utshaba lwamaJuda. Ke amaJuda akawachukumisanga amaxhoba wona.
11. Inani lâbo bâbulawáyo komkhulu eSusa laxelwa kukumkani kwangaloo mini.
12. Ke ukumkani wathi kukumkanikazi uEstere: “AmaJuda abulele amakhulu amahlanu amadoda ndawonye neshumi loonyana bakaHaman komkhulu eSusa. Ngaba enze ntoni na kwamanye amaphondo kakumkani? Ngoku ke, sithini isicelo sakho? Ewe, woyenzelwa into oyifunayo! Sixele isicelo onaso, uya kusenzelwa.”